2 Samuel 12:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako kaloku, hlanganisa isisalela sabantu, usiṙaule isixeko, usitimbe; hleze ndiya kusitimba isixeko mna, lize igama lam libizwe pezu kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganiseni ke ngoko abantu abaseleyo, nimise iintente phakathi komzi, nibuye, ukuze ndingawuthimbi umzi, ubizwe ngegama lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”