2 Samuel 12:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa elihlwempu ibingenanto, kupela yanetakanekazi legusha linye elincinane, ebilitengile, nebilipilisile, lada laba likulu kuyo nakubo abantwana bayo kunye; ladla kumtamo wayo, lasela kwindebe yayo, lalala esifubeni sayo, laba njengentombi kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemva nazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemva nazana encinane inye, ebiyizuzile, yayikhulisa; yadla isonka sayo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ihlwempu lona lalingenanto ngaphandle nje kwetakane legusha elalilithengile. Walifuyela kwakhe lo mfo elo takane, londleka, likhulela phakathi kwabantwana bakhe. Wayelifunza kokwakhe ukutya, aliseze ngendebe yakhe, alisingathe. Lalifana nqwa nentombi yakhe kuye.