2 Samuel 12:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabantu ababekuso wabapumisa, wababeka pantsi kwesaṙa, napantsi kwezibulo zesincete, napantsi kwezixenxe zesincete, wabadlulisa endaweni yokugqwagqwa izitene: wenje njalo ke kuzo zonke izixeko zosapo luka‐Hamoni. Waza u‐Davide wabuyela e‐Yerusaleme, nabo bonke abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abantu ababekhona wabarhola, wabathumela ezisarheni, nasezisizilweni zesinyithi, nasezierheni zesinyithi, wabasebenzisa emazikweni ezitena. Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuyela eYerusalem uDavide nabantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathabatha amadoda akhona, wawafaka ngeesarha, nangamazembe esinyithi, namazembe esinyithi, awacandisa ezikweni lamatye; Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Emva koko uDavide nabantu bonke babuyela eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda, abanye besebenza kumaziko okwenza izitena. Wenjenjalo ke nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.