2 Samuel 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwafika umhambi kuyo indoda esisityebi, eyayeka ukutabata kwigusha zayo nakwinkomo zayo, ukuba ipekele umhambi obefikile kuyo, kodwa yatabata itakanekazi lendoda elihlwempu, yalipekela indoda ebifikile kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwafika undwendwe kumntu osisityebi, wayeka ukuthabatha empahleni yakhe emfutshane neenkomo zakhe, ukuba amgcine umhambi lowo ubeze kuye; wathabatha ixhwane lendoda elihlwempu, wayilungiselela umntu oze kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamini ithile laa mfo usisityebi wafikelwa lundwendwe. Ngenxa yomunyu lo mfo akazange athande kulihlinzela undwendwe kweyakhe imfuyo. Usuke waya kuthatha elaa takane lomfo olihlwempu, wenzela undwendwe lwakhe ngalo isidlo.”