2 Samuel 13:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Abasalome unyana ka‐Davide ebenodade eyinzwakazi, ogama belingu‐Tamare; waye u‐Amnone unyana ka‐Davide wamtanda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni koko ke uAbhisalom, unyana kaDavide, ebenodade wabo oyinzwakazi, ogama linguTamare; uAmnon, unyana kaDavide, ubemthanda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uDavide wayenonyana ogama linguAbhasalom, odade wabo yayinguTamare owayeyinzwakazi. Omnye woonyana bakaDavide ogama linguAmnon, usuke wayithanda le nzwakazi.