2 Samuel 13:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Amnone wati ku‐Tamare: Zisa ukutya enkambilini apa, ndidle kwa sesandleni sako. Waza u‐Tamare watabata izonkana abezenzile, weza nazo ku‐Amnone umzalwana wake enkambilini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAmnon kuTamare, Yingenise inyama egumbini, ndiyidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wawasa egumbini lika-Amnon udade wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe kuTamare uAmnon: “Zisa loo maqebengwana apha egumbini lam lokulala, undityise ngesakho isandla.” Wawathatha loo maqebengwana awenzileyo uTamare, wawasa kumntakwabo uAmnon egumbini lakhe lokulala.