2 Samuel 13:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Amnone wamtiya ngentiyo enkulu kakulu; ngokuba intiyo abemtiya ngayo, ibinkulu pezu kwotando abemtandile ngalo. Wati u‐Amnone kuye: Suka, umke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uAmnon wamthiya kunene kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kothando abemthande ngalo. Wathi uAmnon kuye, Vuka uhambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”