2 Samuel 13:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Tamare wabeka ututu pezu kwentloko yake, waṙazula ingubo yamabala ngamabala ebipezu kwake, wabeka isandla sake pezu kwentloko yake, wahamba wamana ekala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uTamare wazigalela ngothuthu entloko, wayikrazula isambatho sakhe esimibalabala abesikuye, wabeka isandla sakhe phezu kwentloko yakhe, waqhubeka elila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.