2 Samuel 13:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwabuhlungu ku‐Amnone kangaka, wada wazenzela isifo ngenxa ka‐Tamare udade wake; ngokuba ebeyintombi ipela; ngako bekunqabile emehlweni ka‐Amnone ukwenza into kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhathazeka uAmnon, wagula ngenxa kaTamare udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwaba nzima kuye uAmnon ukuba amenze nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahlupheka uAmnon ngangokude agule ngenxa yodade wabo uTamare, kodwa kwakungekho nto anokuyenza kuye, kuba wayeyintombi engazani nandoda.