2 Samuel 13:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Abasalome umzalwana wake kuye: u‐Amnone, umzalwana wako, wabeko nawe na? kodwa kaloku, dade wam! yiti cwaka, engumzalwana wako nje; ungabeki intliziyo yako kulento. Waye u‐Tamare wahlala eyedwa endlwini ka‐Abasalome umzalwana wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhisalom udade kuye, Ubenawe na uAmnon udadewenu? Kodwa khawuthule, dade wethu, ndingumnakwenu; musa ukucinga ngale nto. Wahlala uTamare endlwini ka-Abhisalom udade wabo, ekhathazekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.