2 Samuel 13:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Abasalome ebengateti no‐Amnone, kwa nokukohlakeleyo nokulungileyo; ngokuba u‐Abasalome ebemtiya u‐Amnone, ngendawo yokuba ebedlwengule u‐Tamare udade wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom akazange athethe okulungileyo okanye okubi kuAmnon umntakwabo, ngenxa yokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon ngenxa yokuba wayengqongqo kuTamare udade wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.