2 Samuel 13:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukumkani wati ku‐Abasalome: Hai, nyana wam! masingayi ke tina sonke, ukuze singabi nzima pezu kwako. Waza wamqu̔ba; koko ebengavumi ukuya, kodwa wamtamsanqela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuAbhisalom, Hayi, nyana wam, masiye sonke; ngokuba asinatyala kuwe. Wamjoka, akavuma ukuya; endaweni yoko wamsikelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.