2 Samuel 13:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abasalome wati: Ukuba akungebe njalo, makaye ke nati u‐Amnone umzalwana wam. Waza ukumkani wati kuye: Kunganina ukuba aye nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhisalom, Ukuba akunjalo, makahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Yini na ukuba ahambe nawe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.” Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?”