2 Samuel 13:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Abasalome wamqu̔ba, wada watuma naye u‐Amnone nabo bonke onyana bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uAbhisalom waqhubeka emcinezela kangangokuba wavuma ukuba uAmnon nabo bonke oonyana bokumkani bahambe naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.