2 Samuel 13:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Abasalome wayalela izicaka zake, esiti: Gqalani ke nxa intliziyo ka‐Amnone icwayitile ngeveyine, nanxa nditi kuni: Mbeteni u‐Amnone; nandule nimfise, ningoyiki; asi ndim na oniyaleleyo? yomelelani, nibe ngamadoda obuṙoti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika;aniwiselwe ndim na umthetho? Yomelelani nibe ngamakroti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom wabayalela abakhonzi bakhe, esithi: “Nikelani ingqalelo xa intliziyo ka-Amnon inemihlali ngewayini, ndize mna ndithi kuni, ‘Bulalani uAmnon! uze ke umbulale, musani ukoyika. Andikuyalelanga? Yiba nesibindi kwaye ube nesibindi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.”