2 Samuel 13:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza izicaka zika‐Abasalome zenza kuye u‐Amnone, njengokuba u‐Abasalome ebeziyalele. Bandula besuka bonke onyana bokumkani, bakwela abanye ngabanye pezu kwamaqwaṙaṙa abo, babaleka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka bonke oonyana bokumkani, bamkhwelisa elowo imeyile yakhe, babaleka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.