2 Samuel 13:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yonadabi, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide, wapendula wati: Maingati inkosi yam kufisiwe onke amadodana, onyana bokumkani; ngokuba u‐Amnone yedwa efile: ngokuba ngelizwi lika‐Abasalome kumiselwe oku, kuselokwalomhla wamdlwengulayo u‐Tamare udade wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingathi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha, umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingathi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngenxa yokuba nguAmnon yedwa owafayo, ekubeni yayitywiniwe ngokomyalelo ka-Abhisalom ukususela ngomhla awamnyanzela ngawo uTamare udade wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale.