2 Samuel 13:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Abasalome wesaba. Yati indodana ebingumlindi yapakamisa amehlo ayo, yakangela, kekaloku naba abantu abaninzi besiza endleleni emva kwayo ngasecaleni lentaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaleka uAbhisalom. Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uAbhisalom wasaba. Unogada waphakamisa amehlo akhe waza wabona abantu abaninzi benyuka ngendlela besuka endulini emva kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca. Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim.