2 Samuel 13:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, akuba egqibile ukuteta, bona ke, onyana bokumkani bafika, bapakamisa ilizwi labo, balila; kanjalo nokumkani, nazo zonke izicaka zake, balila ngokulila okukulu kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akugqiba ukuthetha, babonakala befika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; kananjalo ukumkani nabakhonzi bakhe bonke batsho isililo esikhulu kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akugqiba ukuthetha, bafika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; balila ngokukrakra ukumkani nabakhonzi bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe esakhova nje ukuthetha, bagaleleka oonyana bakakumkani, basitsho isikhalo. Wangenelela ukumkani, amaphakathi nawo angenelela, bonke batsho ngesikrakra.