2 Samuel 13:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Abasalome wesaba, waya ku‐Talemai, unyana ka‐Hamihude, ukumkani we‐Geshure. Wati u‐Davide walilela unyana wake imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uAbhisalom wabalekela kuTalemayi, unyana ka-Amihudi, ukumkani waseGeshuri. UDavide wenza isijwili ngonyana wakhe yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uAbhisalom wasaba waza waya kuTalemayi unyana ka-Amihudi ukumkani waseGeshuri. uDavide wamzilela unyana wakhe imini yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhasalom wabalekela kuTalmayi, unyana ka-Amihudi, owayengukumkani waseGeshuri. UDavide wamzilela mihla le uAmnon unyana wakhe.