2 Samuel 13:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Yinina ukuba wena, ungunyana wokumkani nje, unqinile kangaka ngemiso ngemiso? akuyi kundixelela na? Wandula u‐Amnone wati kuye: Ndiyamtanda u‐Tamare, udade ka‐Abasalome umzalwana wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Yini na, nyana wokumkani, ukuba ubhitywe imihla ngemihla? awundixeleli? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom, udade wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYonadabhi wathi kuAmnon: “Ungunyana kakumkani, kodwa imihla nezolo akukhululekanga; khawutsho, kwenzeke ntoni?” “Hayi, ndifuna uTamare, lo ungudade bomntakwethu uAbhasalom,” utshilo uAmnon.