2 Samuel 13:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yonadabi wati kuye: Lala pezu kwomandlalo wako, uzenzise uyafa; nanxa uyihlo aya kuza ukuba akubone, yiti kuye: Makeze ke u‐Tamare udade wam, andidlise isonka, alungise ukutya pambi kwamehlo am, ukuze ndibonele, ndidle kwa sesandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wothi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYonadabhi kuye, Lala esililini sakho, uyafa; xa uyihlo eze kukubona, uthi kuye, Yithi kuTamare, udade wethu, eze kundinike inyama, alungise inyama emehlweni am, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYonadabhi wathi kuye: “Zenze umntu ongaphilanga, uye kulala. Uze uthi, akufika uyihlo eze kukubona, uthi kuye: ‘Nceda uthumele udade wethu uTamare, eze kundonga. Ndifuna aze kundilungiselela ukutya apha phambi kwam, andityise ngesakhe isandla.’ ”