2 Samuel 13:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walala ke u‐Amnone, wazenzisa uyafa: kekaloku akuba ukumkani ebeze ukumbona, wati u‐Amnone kukumkani: Makeze ke u‐Tamare udade wam, enze izonkana zibe zibini pambi kwamehlo am, ndize ndidle kwa sesandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walala ubuthongo uAmnon, wahliwa kukufa; Wafika ukumkani eza kumbona, wathi uAmnon kukumkani, Yithi kuTamare, udade wethu, eze, andenzele isonka phambi kwam, ndisidle esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazenza ogulayo ke uAmnon, waya kulala. Ukumkani waya kumvelela uAmnon, waza yena wathi kukumkani: “Bawo, ndicela uthumele uTamare udade wethu eze kundenzela amaqebengwane amabini ndijongile, andityise ngesakhe isandla.”