2 Samuel 14:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati: Makake ukumkani amkumbule uyehova, utixo wako, ukuze abapindezeli begazi bangandisi ukutshabalalisa, baze bangabubisi unyana wam. Wayesiti: Ehleli nje uyehova, akuyi kuwa nalunye unwele lwonyana wako ngasemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, uYehova makamkhumbule uYehova uThixo wakho, ukuba ungabi savuma ukuba amadoda anegazi atshabalalise, angamtshabalalisi unyana wam. Wathi, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfazi lowo wathi: “Nceda, mhlekazi, uthandaze *kuNdikhoyo uThixo wakho ukuba abaphindezeli bangambulali umntwana wam, ndize ndisale ndingenanyana.” Yena wathi: “Ehleli nje uNdikhoyo, akukho bani uya kumthi cha nakancinane unyana wakho!”