2 Samuel 14:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati umfazi lowo: Kunganina ke ukuba ucingile okunjalo ngakubo abantu bakatixo? ngokuba ukumkani eteta lendawo njengonetyala, ekubeni ukumkani engabuyisi igxotwa lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi inkazana leyo, Yini na ukuba ucinge into enje ngabantu bakaThixo? ngenxa yokuba ukumkani ethetha ngale ndawo nangetyala, ukumkani angambuyiseli endlwini yakhe ogxothiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke loo mfazi: “Ke, mhlekazi, uyenzeleni into efana nale kangaka kubantu bakaThixo? Kaloku, mhlekazi, uzigweba ngokwakho ngale ntetho yakho, kuba kwawena akuvumi abuyele ekhaya unyana wakho obhacileyo.