2 Samuel 14:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ukuba ndize ukuteta kuye ukumkani inkosi yam lendawo, kungokuba abantu bendoyikisile; saza sati isicakakazi sako: Ndoka nditete kukumkani; angaba ukumkani uya kwenza ilizwi lesicakakazi sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le nto ndize kulithetha kukumkani inkosi yam eli lizwi ndenze kuba abantu aba bendoyikisile; wathi ke umkhonzazana wakho, Makhe ndithethe kukumkani, mhlawumbi ukumkani angalenza ilizwi lomkhonzazana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, le nto ndize kuyithetha le nto enkosini yam ukumkani, kungenxa yokuba abantu bebendisongela; wathi umkhonzi wakho, Makhe ndithethe kukumkani; kunokwenzeka ukuba ukumkani azalisekise isicelo sekhoboka lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Into endizise kuwe, mhlekazi, ngabantu abandisongelayo; ndiziswe lithemba lokuba uya kundenzela loo nto ndiyicelayo kuwe.