2 Samuel 14:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukumkani eya kuva, ukuba asindise isicakakazi sake esandleni sendoda efuna ukutshabalalisa mna nonyana wam kwa kunye elifeni likatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba wova ukumkani, amhlangule umkhonzazana wakhe esandleni sale ndoda iza kunditshabalalisa mna, kunye nonyana wam elifeni likaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ukumkani uya kuva ukuze asindise ikhoboka lakhe esandleni somntu ofuna ukunditshabalalisa kunye nonyana wam elifeni likaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bendisazi ukuba uya kundiva, mhlekazi, undihlangule kunye nomntwana wam kubantu abafuna ukusicima singabikho phakathi kwabantu abemi kumhlaba abawunikwa nguThixo ukuze ube lilifa lethu.