2 Samuel 14:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati kanjalo isicakakazi sako: Ilizwi lenkosi yam ukumkani loba lelokwonwabisa ke; ngokuba njengengelosi katixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuqonda okulungileyo nokukohlakeleyo; ngako uyehova, utixo wako, woba nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke umkhonzazana wakho, Ilizwi lenkosi yam ukumkani malibe lelokuphumza; ngokuba njengoko sinjalo isithunywa sikaThixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuva okulungileyo nokubi; uYehova uThixo wakho makabe nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umkhonzi wakho, Ilizwi lokumkani, nkosi yam, malibe lelokuthuthuzela; ngokuba inkosi yam ukumkani, inkosi yam, injengesithunywa sikaThixo, esahlula phakathi kokulungileyo nokubi; ngako oko uYehova uThixo wakho uya kuba nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bendisazi ukuba uya kuthetha nje kutsho kuphele amaxhala kum, kuba wena, mhlekazi, uyakwazi ukwahlula okuhle kokubi kanye njengesithunywa sikaThixo. Wanga ke uNdikhoyo uThixo wakho angaba nawe.”