2 Samuel 14:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati: Isandla sika‐Jowabi asi nawe na kuko konke oku? Wapendula umfazi wati: Bomi bompefumlo wako, nkosi yam, kumkani! akuko ongashenxa nangasekunene nangasekohlo kuko konke okutetiweyo yinkosi yam ukumkani; ngokuba isicaka sako u‐Jowabi singuye ondiyaleleyo, nowabeka onke lamazwi emlonyeni wesicakakazi sako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi asinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani, Ndathi, Isandla sikaYowabhi sinawe na kuyo yonke loo nto? Yaphendula inkazana leyo, yathi, Ngemihla yakho yonke, nkosi yam, nkosi yam, akuyi kutyeka, aye ekunene nasekhohlo, kuko konke akuthethileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba undiwisele umthetho umkhonzi wakho uYowabhi, kuwo onke la mazwi emlonyeni womkhonzi wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi: “Asikho na isandla sikaJowabhi kule nto?” Umfazi waphendula wathi: “Ngenene, ukho nje, mhlekazi nkosi yam, uchane ucwethe; okuthethileyo kunjalo; ewe, liphakathi lakho uJowabhi lo undihlohle la mazwi.