2 Samuel 14:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula u‐Jowabi watumela e‐Tekoha, watabata kona umfazi olumkileyo, wati kuye: Kauzenze olilayo, wambate ke izivato zokulilela, ungazitambisi ngeoli, ube njengomfazi olilele ofileyo imihla esel’ imininzi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uYowabhi wathumela ke eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Khawuzenze ozilileyo, khawunxibe iingubo zokuzila, ungazithambisi ngeoli; yiba njengenkazana le imenzela ofileyo izila imihla emininzi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uYowabhi eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Yambatha iingubo ezimnyama, yambathe iingubo ezimnyama, ungazithambisi ngeoli; yiba njengomfazi olilela ofileyo ixesha elide;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathumela abantu eTokowa, ukuya kulanda khona mfazi uthile wayeliqhajazana elilumkileyo. Akuba efikile wathi kuye uJowabhi: “Ndifuna uzenze umntu ozilileyo, unxibe iimpahla zokuzila, ungathambisi, ube ngathi kudala wafelwayo,