2 Samuel 14:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze kuguqulwe isimilo senteto, isicaka sako u‐Jowabi senzile lento; kodwa inkosi yam ilumkile ngabo ubulumko bengelosi katixo, ukwazi konke okusemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenze le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumke ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenjenjalo uYowabhi umkhonzi wakho, ukuba athethe ilizwi; Ke inkosi yam ilumke ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusehlabathini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe le nto isicaka sakho uJowabhi uyenze ngeenjongo zokulungisa. Hayi, ndincamile, mhlekazi; ulwazi lwakho lufana nolwesithunywa sikaThixo, sona sazi konke okwenzekayo elizweni.”