2 Samuel 14:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jowabi wawa ngobuso bake ngasemhlabeni, wazitoba, wambulela ukumkani; wayesiti u‐Jowabi: Namhla isicaka sako siyazi ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, nkosi yam, kumkani! ngokokuba ukumkani enzile ilizwi lesicaka sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wazile umkhonzi wakho, ukuba ubabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawa uYowabhi ngobuso bakhe, waqubuda, wabulela kukumkani; Wathi uYowabhi, Uyazi kakuhle namhla, mkhonzi wakho, ukuba ndikwenzele inceba, enkosini yam ukumkani, ngesicelo sokumkani, somkhonzi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waziphosa phantsi ke uJowabhi ekhahlela, edomboza ebulela ukumkani, wenjenje: “Ngoku isicaka sakho siyazi ukuba uyakholiseka siso, mhlekazi nkosi yam, kuba undenzele isicelo sam.”