2 Samuel 14:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni wagugulayo intloko yake, (kwakusekupeleni kweminyaka ngeminyaka ukuba wayigugula; ngokuba ibinzima pezu kwake, ngako wayigugula,) walinganisa inwele zentloko yake ngamakulu mabini eshekele ngesilinganiso sokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubesithi akuyicheba intloko yakhe (kuba bekusithi ekupheleni komnyaka iminyaka yonke ayichebe, ngokuba ibinzima phezu kwakhe, ayichebe ke), azilinganise iinwele zentloko yakhe, zisuke zibe ziishekele ezimakhulu mabini, ngokwelitye lokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathiwa akayinqumli intloko, ngokuba wayeyinqunqa ekupheleni konyaka; ngokuba iinwele bezinzima kuye, wabulinganisa, wabulinganisa ubunzima beenwele zentloko yakhe, zaba ziishekele ezimakhulu mabini, ngokobunzima bokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayesithi akucheba intloko (nto leyo wayeyenza minyaka le, kuba zazisuka zibe nde kakhulu iinwele zakhe) aziveyishe ezo nwele, zibe sisibini seekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo owawusetyenziswa komkhulu.