2 Samuel 14:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Abasalome ku‐Jowabi: Bona ke, ndatumela wena, ndisiti: Yiza apa, ukuba ndikutume kukumkani, ukuti: Ndizele nina ndivela e‐Geshure? ngokuba kulungile kum ukuba bendiseko kona: ngako kaloku mandibone ubuso bokumkani; nokuba kuko ityala kum, makandifise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhisalom kuYowabhi, Yabona, ndithumele kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumele kukumkani, uye kuthi, Ndibuyiselweni na eGeshuri? Bekundilungele kanye ukuba ndibe ndisekhona. Kaloku mandibubone ubuso bokumkani; ukuba ndinetyala, makaselendibulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom wamphendula uYowabhi, wathi, Yabona, ndithumele kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumele kukumkani, uthi, Ndimkile na eGeshuri? kwakumnandi xa ndikhona; Makhe ndibubone ubuso bokumkani; ukuba buthe bakho kum ubutshinga, makandibulale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhasalom wathi kuJowabhi: “Bendithumele abantu kuwe ndisithi mawuze apha ukuze ndikuthume kukumkani undibuzele uthi: ‘Ndibuyele ntoni eGeshuri? Bekukuhle ndibe ndiselapho nangoku.’ Ngoku ke ndifuna ukubonana nokumkani, ukuze athi, ukuba ndisenetyala, andibulale, ndife kube kanye.”