2 Samuel 14:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jowabi weza kukumkani, wamxelela: waza wambiza u‐Abasalome, owangena kukumkani, wazitoba kuye ebusweni bake ngasemhlabeni pambi kwokumkani: wati ukumkani wamanga u‐Abasalome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela. Wambiza uAbhisalom;waya kukumkani, waqubuda kuye ngobuso emhlabeni phambi kokumkani; ukumkani wamanga ke uAbhisalom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela; Wambiza uAbhisalom, weza kuYehova, waqubuda kuye; ukumkani wamanga uAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi undulukile waya kukumkani, wafika wamxelela oko. Uthe ukumkani makabizwe uAbhasalom. Uthe akufika kukumkani uAbhasalom waqubuda phambi kokumkani ekhahlela ubuso ebujongise emhlabeni, waza yena ukumkani wamanga.