2 Samuel 14:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, sonke isizalwane sivukele ngakuso isicakakazi sako, sati: Nikela lo owabeta umzalwana wake, ukuba simfise ngenxa yobomi bomzalwana wake ambuleleyo, size sibubise indlalifa nayo: kwa njalo baya kucima ilahle lam eliseleyo, bangayishiyeli indoda yam negama nesisalela pezu kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, nanku, wonke umzalwane usukele phezulu komkhonzazana wakho, usithi, Sinike umbulali womzalwana wakhe, simbulale, ngenxa yomphefumlo womzalwana wakhe ambuleleyo, sitshabalalise nendlamafa; ukuze bacime ilahle lam eliseleyo, bangayisaliseli indoda yam igama nempunde emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, wonke umzalwane wenyuka phezu komkhonzi wakho, wathi, Masizinikele kulowo umbuleleyo umzalwana wakhe, simbulale ngenxa yomphefumlo womzalwana lowo ambuleleyo; kananjalo siya kutshabalalisa indlalifa, kwaye ke baya kulicima ilahle lam eliseleyo, kwaye bangashiyi gama okanye intsalela yomyeni wam ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke, mhlekazi, abantu basemzini wam bonke bandivukele besithi: ‘Mnikezele lo ubulele umntakwabo, khon' ukuze sibuyekeze ukufa komntakwabo lo ambuleleyo, kungabi sabakho ndlalifa.’ Ewe, bafuna ukuyicima igama impunde ebesendijonge ukuba yiyo eya kuvusa igama likayise, ivuse nomzi wakowayo.”