2 Samuel 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza um‐Tekohakazi lowo wati kukumkani: Ityala malibe pezu kwam, nkosi yam, kumkani! napezu kwendlu kabawo; kodwa ukumkani makabe msulwa, neterone yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkazana yaseTekowa yathi kukumkani, Nkosi yam, kumkani, mabube phezu kwam, naphezu kwendlu kabawo, obo bugwenxa; makabe msulwa yena ukumkani netrone yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umkaTekowa kukumkani, Nkosi yam, kumkani, senziwe ububi kum, nakwindlu kabawo; umsulwa yena ukumkani netrone yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mhlekazi, nkosi yam, mayibe ndim kunye nabantu bakowethu abathwele ityala ngale nto; yena ukumkani kunye nolawulo lwakhe makabe msulwa,” uqokele watsho loo mfazi waseTekowa.