2 Samuel 15:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Abasalome watumela u‐Ahitofele um‐Gilo, umpakati ka‐Davide, avele esixekweni sake, e‐Gilo, nxa ebebingelela imibingo. Yati ingcebiswano yaba namandla; ngokuba abantu bebemana besandela u‐Abasalome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom wathumela, ukuba kubizwe uAhitofele waseGiloni, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laza elo cebo laba namandla; ngokuba abantu bebesanda kuAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa uAhitofele waseGilo, iphakathi likakumkani uDavide, laliye kokwalo eGilo, lisiya kunyusa amadini, uAbhasalom wathuma isigidimi kuye, embiza. Iyelenqe lokuvukela ukumkani laya likhula, namanani eqela lika-Abhasalom aya esanda ngokwanda.