2 Samuel 15:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Davide kuzo zonke izicaka zake ezibe zinaye e‐Yerusaleme: Sukani, sisabe; ngokuba kungayi kubako kuti ukusinda ebusweni buka‐Abasalome: nxamani ukumka, hleze asifumane kamsinyane, ahlise pezu kwetu ilishwa, abete isixeko ngohlangoti lweṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke abenabo eYerusalem, Sukani sibaleke; ngokuba asiyi kuba nakusinda ebusweni buka-Abhisalom. Khawulezani simke, hleze akhawuleze, asifikele, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwekrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke ababenaye eYerusalem, Sukani, sisabe; ngokuba asinako ukumbaleka ngenye indlela uAbhisalom; khawulezani, nimke, hleze asifumane kwaoko, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwentshuntshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uDavide wathi kumaphakathi akhe onke awayeseJerusalem: “Masibaleke kusengoku, kuba asiyi kusinda kuAbhasalom. Masikhawuleze simke, hleze asihlasele ngephanyazo, asihlisele ububi, abulale abemi balo mzi ngekrele.”