2 Samuel 15:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zonke izicaka zake zadlula ngasecaleni lake; nabo bonke aba‐Kereti, nabo bonke aba‐Peleti, nawo onke ama‐Gate, amadoda angamakulu matandatu abevele e‐Gate ngasezinyaweni zake, badlula pambi kwokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahamba ecaleni kwakhe bonke abakhonzi bakhe; nawo onke amaKrete onke amaPeleti onke amaGati, amadoda angamakhulu amathandathu anesithandathu awayemlandela ukusuka eGati, awela phambi kokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke amaphakathi akhe ema ngakuye lo gama abalindi bakhe abangamaKreti namaPleti badlulayo ngaphambi kwakhe. Emva koko kuze amakhulu amathandathu amadoda omkhosi owamlandela ukusuka eGati.