2 Samuel 15:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wavuka kusasa u‐Abasalome, wema ngasecaleni lendlela yesango: kwaza kwati, umntu osukuba enempikiso yokuba eze kukumkani ekugwebeni, wabiza u‐Abasalome kuye, wati: Uvela kwisipina isixeko? Wayesiti: Isicaka sako sivela kwesinye sezizwe zo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhisalom wavuka kusasa, wema ngasecaleni lendlela yesango. Ubesakuthi, bonke abantu abanembambano yokuba kuyiwe kukumkani ngayo, ukuba ayigwebe, ababizele kuye uAbhisalom, abuze athi, Ungowawuphi na umzi? athi umntu lowo, Ungowezizwe zakwaSirayeli umkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom wavuka kusasa, wema endleleni ngasesangweni; Kwathi, kwakufika kukumkani ukuba agwebe, uAbhisalom wambiza, wathi, Ungowawuphi na umzi? Wathi, Umkhonzi wakho lo ungowezizwe zakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayedla ngokuvuka ekuseni, aye kuma ngasendleleni eya esangweni lesixeko. Wayedla ngokuthi xa kufika umntu oze nesimangalo komkhulu, ambize, ambuze imvelaphi. Kuthi loo mntu akuba ezilandile echaza isizwe sakwaSirayeli avela kuso,