2 Samuel 15:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ufikile izolo nje, sendiya kukudungudelisa na namhla ngokuhamba nati? mna kambe ndiya kuhamba apo ndingahambela kona; buya wena, ubuyise abazalwana bako: ububele nenyaniso maibe nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ungathi, ufike izolo eli, ndikubhadulise nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ufike nje izolo, ndikuvumele ukuba uhambe nathi namhlanje? Apho ndiya khona mna, buyani nani nithabathe abazalwana benu; Ubabalo nenyaniso zibe nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, mandingambhadulisi umntu ofika izolo! Andikazi nalapho ndiya kuphelela khona. Jika, wena kunye nala madoda akuni. Akwaba inceba nenyaniso yaba nawe.”