2 Samuel 15:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yitai wampendula ukumkani, wati: Njengokuba ehleli uyehova, na njengokuba ihleli inkosi yam ukumkani, endaweni apo iya kubako kona inkosi yam ukumkani, nokuba kube kukufa, nokuba kube kukudliwa kwobomi, kwa lapo siya kubako isicaka sako!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UItayi wamphendula ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, ihleli nje inkosi yam ukumkani, inene, endaweni eya kuba kuyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni, nokuba kusebomini, uya kuba lapho umkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uItayi wamphendula ukumkani, wathi, NgoYehova ohleliyo, nangokumkani, ukumkani, inkosi yam, ohleliyo, nokuba ezindaweni zonke, ukumkani wam ukumkani uya kuba khona, ekufeni, nasebomini. Ndikhoyo, umkhonzi wakho uya kuba lapho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UItayi wamphendula ukumkani wathi: “Mhlekazi, ekho nje *uNdikhoyo, ikho nje inkosi yam ukumkani, inene, apho iya khona inkosi yam ukumkani, nam sicaka sakho ndiya kuya khona, nditsho nokuba kusebomini nokuba kusekufeni.”