2 Samuel 15:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Yitai: Hamba, uwele. Wasuka wawela u‐Yitai um‐Gate, nawo onke amadoda ake, nabo bonke abantwana ababenaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuItayi, Hamba ugqithe ke. Wagqitha uItayi namadoda akhe onke, nosapho lonke abenalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuItayi, Hamba ugqithe. uItai waMogathe wadlula namadoda akhe onke nabantwana ababenaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi kuItayi: “Kulungile ke, yitsho ungena endleleni.” Waba ke njalo uItayi kunye namadoda eqela lakhe nosapho lwakhe lonke balandela uDavide.