2 Samuel 15:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko, bona ke, no‐Tsadoki, nabo bonke aba‐Levi kunye naye, betwele ityeya yocebano lukatixo; bayibeka pantsi ke ityeya katixo; waza wenyuka u‐Abiyatare, bada bagqiba bonke abantu ukudlula bevela esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanko, uTsadoki nabaLevi bonke benaye, bethwele ityeya yomnqophiso kaThixo, bayibeka phantsi ityeya kaThixo. Wenyuka uAbhiyatare, bada bagqibelela bonke abantu ukuwela, bephuma kuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uTsadoki nabo bonke abaLevi babekunye naye bethwele ityeya yomnqophiso kaTHIXO oyinyaniso; bayibeka phantsi ityeya kaThixo; Wenyuka uAbhiyatare bada baphuma bonke abantu esixekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayelapho phakathi kwabo uZadoki umbingeleli, ekunye nabaLevi, bethwele ityesi yomnqophiso kaThixo. Bayibeka phantsi ngakuAbhiyatare, bayilinda kwada kwaphuma wonke umntu esixekweni.