2 Samuel 15:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ukumkani ku‐Tsadoki: Yibuyisele ityeya katixo esixekweni: ukuba ndiya kufumana ufefe emehlweni kayehova, uya kundibuyisa, andibonise yona nekaya lake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo. Ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wondibuyisa, andibonise yona kwanekhaya lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo; ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wondibuyisa, andibonise yona nendawo yakhe yokuhlala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko wathi kuZadoki ukumkani: “Le tyesi kaThixo yibuyisele kwasesixekweni. Ukuba uNdikhoyo undigcinile ndobuya ndiyibone kwakhona isendaweni yayo.