2 Samuel 15:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abasalome wati kuye: Kangela, indawo zako zilungile, zifanelekile; kodwa akuko umpulapuli kuwe evela kukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho zilungile, zinobulungisa; Ke ukumkani akanikwanga ukuba aphulaphule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uAbhasalom athi: “Ewe, umthetho uyakungqinela, nomcimbi wakho uyavakala, kodwa ukumkani akanaye umntu ongachophela eli tyala.”