2 Samuel 15:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Davide wenyuka ngeqina lentaba yeminquma, elila ekunyukeni kwake, enentloko yake igqujutelwe, wahamba ngenyawo zingenazihlangu: kanjalo bonke abantu ababenaye bagqubutela abanye ngabanye intloko zabo, benyuka, belila ekunyukeni kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe;bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wenyuka kwithambeka leNtaba yemiNquma, wenyuka ekhala, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada; benyuka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wahamba elila ukunyuka kwakhe iNtaba yemiNquma, egqubuthele, engafakanga nto nasezinyaweni. Bonke ababehamba naye nabo babegqubuthele, behamba belila.