2 Samuel 15:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ukuba uya kubuyela esixekweni, uti ku‐Abasalome: Mna ndoba sisicaka sako, kumkani! bendisisicaka soyihlo ngapambili, kodwa kaloku ndoba sisicaka sako; uya kwandula unditshitshisele icebo lika‐Ahitofele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wonditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; njengoko bendingumkhonzi kayihlo unangoku, ndoba ngumkhonzi wakho ngokunjalo; wolitshitshisa icebo lika-Ahitofele ngenxa yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke xa ubuyela kwasesixekweni uya kundinceda uphanzise amacebo ka-Ahitofele, ufike uthi kuAbhasalom: ‘Ndisisicaka sakho, mhlekazi kumkani! Bendifudula ndisisicaka sikayihlo, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’