2 Samuel 15:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abako na nawe kona u‐Tsadoki no‐Abiyatare abaperisite? ngako kuya kuti, zonke indawo uya kuziva zivela endlwini yokumkani, wozixela ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abanawe na ababingeleli uTsadoki noAbhiyatare? Ngoko ke baxelele ababingeleli uTsadoki noAbhiyatare yonke into oyivayo endlwini yokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZadoki noAbhiyatare ababingeleli uya kufika bekho nako; uze uyixele kubo yonke intshukumo yakomkhulu.